INGABA ULUFANELE UXOLELO LWEZEPOLITIKO LUKAMONGAMELI
NGOKWEMIGQALISELO YENKULULEKO ENTSHA?
Ukuba ngaba usejele ngenxa yetyala elenziwa phambi komhla we-16 Juni, 1999 elaliphenjelelwa zezopolitiko okanye ukhululwe ejele emva kokuba wenze amatyala anjalo, ungalufanela uxolelo oluvela kuMongameli wethu.
Nceda uqaphele oku ukuba ngaba ugwetyelwe naluphi na olunye uhlobo lolwaphulo-mthetho, AWULUFANELANGA uxolelo ngokwemigqaliselo yenkululeko entsha. Kodwa ungafaka isicelo soxolelo oluqhelekileyo ngokwemigqaliselo yecandelo lama-84 (j) loMgaqo-siseko weRiphabliki yoMzantsi Afrika, elinika uMongameli ulwazi lokuba axolele okanye amisele izohlwayo abophuli-mthetho kwaye axolele naziphi na izohlwayo.
Ukuba ngaba ufuna uncedo xa ugcwalisa isicelo sakho, iqela lakho lezopolitiko linomsebenzi wokukuncedisa ukuba uyigcwalise ifom yesicelo.
Ifom yakho yesicelo kufuneka ingeniswe ngendlela emiselweyo kunye nangumntu ogunyaziswe liqela lezopolitiko, iziko okanye umbutho wenkululeko ukuba aqinisekise phantsi kwesifungo ukuba wawuphantsi kokuyalelwa okanye umyalelo okanye icebo ukuba wenze ityala ngezizathu zezopolitiko.
USIFAKA NJANI ISICELO
Kufuneka ibe ngumntu omnye kuphela ngesicelo. Lonke ulwazi malugcwaliswe ngokuchanekileyo nangokunyanisekileyo kwaye kubekho onke amaxwebhu axhasayo afunekayo.
Iqela lakho lezopolitiko lingasifaka isicelo egameni lakho, kule meko ke, kufuneka liqinisekise ukuba ifom yakho yesicelo igcwaliswe ngokuchanekileyo. Kwaye kwakhona kufuneka lixele phantsi kwesifungo ukuba i(ama)tyala lenziwa ngokuphathelene nemisebenzi yezopolitiko elalibandakanyeka kuyo.
KUYAKWENZEKANI SAKUBE SINGENILE ISICELO SAKHO?
ISebe lezobuLungisa noPhuhliso loMgaqo-siseko libonelela ngemisebenzi yoonobhala kwi-RG.
NGUBANI ONGAFANELEKANGA?
Awuyi kufanela uXolelo lukaMongameli ngetyala elenzelwe izizathu zezopolitiko ukuba ngaba wagwetyelwa ityala elinxulumene:
Naso nasiphi na isenzo sezesondo;
Nasiphi na isenzo esibandakanya ubundlobongela basekhaya;
Naliphi na ityala elinxulumene neziyobisi nokurhweba ngeziyobisi;
Ukuba ngaba uxolelo sele lwaliwe yiKomiti yoXolelo, eyasekwa phantsi komThetho we-TRC; okanye
INombolo yomNxeba: 012 315 1111
